Used words

Ngokuhlela kwaye sipapashe lo mqulu asiphosi sivivaneni nje ekuphuhliseni iilwimi zeAfrika koko sihlaba ifolo umba wophuhliso weelwimi zomgquba kwezemfundo. Kule ncwadi abaphandi babonakalise ubungcali nobunkcubabuchopho ngokuthi bavelise isigama esifanelekileyo sesiXhosa icorpora yesiXhosa ukusabela kwikhwelo lomsebenzi wakutshanje kaKhumalo noNkomo (2022) apho baxoxa khona ngobucukubhede bokunqongophala kwemibhalo eyahlukeneyo nethi ibangele ukuqhawuka kophuhliso kulwimi lwesiXhosa ingakumbi kubuchwephesha bale mihla. Ukongeza uchwetha imiba yebuyambo (decolonisation) njengoko uTurner (2023) eyiphakamisa kumsebenzi wakhe. Ababhali bakwiphulo lokuncothula neengcambu amatyathanga engcinezelo abeneziphumo zembophelelongqondo eluntwini ukuze kusuke inkungu emehlweni nenwebu engqondweni uluntu luzibone zesiNtu zisizisa ulwazi olukwizinga eliphezulu ngokwenkcazobungcali. Ezi zahluko zivula ithuba lokuba saseAfrika nazo zisetyenziswe ukuqulunqa iingcingane nengqiqo ukulungiselela nokukwazi ukuzisebenzisa kuphando. Oku kukwadala amathuba okufunda nokufundisa ukuvavanya njalonjalo ngolwimi isiXhosa. ncwadi bagudle imixholo ejikeleza ukufunda ulwimi nepolitiki kunye nentlalo. Ngoko ke ukuqaqambisa le ngxoxo ingentla ababhali balo bakhwela bezehlela kwimiba echaphazela nokufundiswa kwesiXhosa. kujongwa kwizigaba ezahlukeneyo zemfundo. Lo wahlulwe wangamacangelo amathathu i) Ukufunda nokufundisa kwimfundo esisiseko ii) ephakamileyo iii) ulwimi ipolitiki Isahluko ngasinye kule sikhwela sizehlela etshisa ibunzi ekufundeni nasekufundiseni isiXhosa njengolwimi oluzimeleyo nolukhulileyo.
Create your own
... AND SHOP IT!

Hey, your artwork is awesome!

Did you know that you can easily buy one of these cool products?

Share your Artwork